💔💔😭
SJ da poet
Contact information, map and directions, contact form, opening hours, services, ratings, photos, videos and announcements from SJ da poet, Political organisation, Durban Beach Front.
Phind'ubuye
Sonke impazamo siyazenza
Ndiyazi uba lento sisengayenza
Ndikulungele ukukwamkela
Nto nje qha xa unondixolela
Olwam uthando ndisangakuvezela
Ngoba lona alu soze lwaphela💔😭
Besendithi ndizihlambile izandla ngawe
Ndizamile ukulibala ngawe
Besendizixelele ba akhonto ndophinde ndiyenze nawe
Besendizixelele ba iphelile into yam nawe
Kodwa ngoku kubuya iingcinga ngawe😭💔
Sthandwa ikhaya alisafani ungekho
Impilo ayisafani ungekho
Ndingumpha ochutywe walahlwa kuba wena awukho
Ufika njalo kwawam amaphupho
Ungalibali ukuba kukho esasithembiso💔😭
Sazenzayo
Sthandwa ndiyalivuma ityala lam
Sthandwa ndiyazivuma iimpazamo zam
Ndathembisa phambi kwezihlobo zam
Ba wena ndizakugcina ungo wam
Kodwa ndibona ndehlulekile
Ndizibona ndiyisakele
Ukukwenza owam
Ayinguwe owavuma wathi sizobambana?
Ayinguwe owavuma uba uzondithanda
Noba kunjani?
Xa ucinga ndiziva njani?
Into efana nale uyivumela njani
Ubayenzeke kuthi💔😭
Oko ndisihla ndiyuka iintaba
Ndikhangelana nawe
Khobuy'ekhaya
Ndifuna kuba nawe
Sthandwa sam ❤
Bambolwam❤
Thembha lam❤
Ndiyakucela
Ndiyakuncenga
Ndisakufuna
Ndisakudinga
Oyini torho kho phind'ubuye💔😭😭
Kukuthanda wena
NOMPENDULO
ndivile ngawe❤
bandixelele ngawe❤
bathethile ngawe❤
ndade ndazi yonke into ngawe
kodwa liye lafika ithuba lokuba ndikubone ngokwami❤😍
amehlo ami athi njooo!!👀 kwawakho amehlo ayegcwele uthando👀❤
athi pheqe pheqe ukujonga phantsi🙊👀ngeloxesha wabe ufile ziintloni🙈❤ ungakwazi nokundijonga❤😍
ndithe ndakusibambha eso sandla sakho sintofo ntofo🙈❤ mlomo wam wawagabha amazwi wokuzazisa kuwe😍❤ ndicinga ngela thuba umamatheka uveze uthotho lwamazinyo akhanya okwenkanyezi zehlobo❤❤😍
wathi wakuwavusa loo mehlo akho anomtsalane👀❤ ntliziyo yam yamana izibuza iziphendula yathi
'ngaba nguye loo bendimfuna"?
'ngaba nguye loo kudala ndimkhangela"?❤❤
'ngu loo kudala ndimnqwenela"?
yaziphendula yathi inene inene nguye loo nompendulo walemibuzo igcwele kule ntliziyo❤😍
uthe wakuzazisa k*m ndabethwa luvalo lothando❤nazintloni🙈❤
ntliziyo yam yathumela umyalezo okhawulezileyo emlonyeni wam othi❤'mfondini lithuba lokuba ndiphenduleke eli cela uthando kulenzwakazi❤🤗" wenje njalo umlomo wam ukuzicelela❤❤
kwathi vumbu amazwi athi 'dilika ntaba ndingene, ndonga ndini!! ezivale iminyango yokuba andithande dilika"😭💔wabe ugqibile ukuthetha umfoka ntliziyo
kuthe kanti impendulo izisa iinyembezi zovuyo ikwachuk*misa neentambo zothando ekujuleni kwentliziyo❤❤ isitsho isithi nam ndikuthandile mntu wenkosi❤ azange ndikwazi nokuwuvala umlomo ngalo mini❤😍 kwathi huuu ndafumana ukuphumla❤❤
ndithi mandibhale le ncwadi yothando ngolukhulu uchulumanco😊❤
kuba wena unguMalusi wothando lwethu
kobam ubomi ufike neenguquko
inene inene ungumompendulo❤😍
NDISAKUDINGA💔😭
sthandwa sam
ndisakudinga❤
bambho lwam
ngothando lwakho ndisancwina😭
themba lam
ndisakudinga💔😂
xa ungekho kuyabonakala💔😭
indima yakho iyohlala ibonakala
themba lam
ndisakudinga💔😭
andimboni ofana nawe💔😭
andimboni endinomlinganisa nawe
themba lam
ndisakudinga💔😭
Iingubo zingumkhenkce xa ungekho
ubomi abukho xa ungekho💔😭
themba lam
ndisakudinga💔😭
Iinyembhezi zigcwele emahlweni😭
ndikhangela olu thando lwakho lidukile emadlelweni💔😭
themba lam
ndisakudinga💔😭
senza isivumelwano sokuthandana
senza isivumelwano sokuthembana
senza isivumelwano sokuvikelana
senza isivumelwano sokubambana
kude kube sekufeni
nditsho nasekuguleni💔😭
themba lam
ndisakudinga💔😭
bathi abadala ze ulimise ikhaya
bathi abadala ze ndilikhusele ikhaya
buya kaloku ekhaya
ukuze silivuse ikhaya
themba lam
ndisakudinga💔😭💔
UMBULELO
thambo lamathambo ami
sthandwa sentliziyo yami
andazi ndenze njani
uyithathile intliziyo yami
mehlo akho
ncumo lwakho
mpatho yakho
bubele bakho
ndingalulibali uthando lwakho
undikhuphi'ehlathini
undifakil'obomini
endenze ndazazi ukuba ndingubani na
ndiyintoni na
kwaye ndifuna ntoni na
ndiqale ndaqeqa ndaqiqa ndagqiba
ndaqala ndaqhaqha amafindo obowundiqhine ngawo
ndithi kuwe qala qhubeka
ugqibe uqinise k*maqhina esiqaqadula kuwo
cothoza
ngesosi zotha
ntombi enokuzola
uwise nezondonga
basimiselezona
thatha nal'uthando lwami
bambha nas'isandla sami
ndingo wakho ungo wami
andinawo amaninzi
ungumqali ungumphelelisi❤❤
IINYEMBEZI ZOKUGQIBELA
ntliziyo yam mkhuphe kuwe😭💔
ngqondo yam libala nguye😭💔
mehlo wam msuse kuwe😭💔
mlomo wam suthetha ngaye😭💔
ndlebe zam sumamela lizw'eliphuma kuye😭💔
ndikuthandile
nto nje udlalile
ndikuthandile
nto nje undonile
nto ndini ndikulahlile
ntliziyo yam uyophulile
moya wam uwuxovile
ntliziyo yam uyilimazile
moya wam uwonzakalisile
nto ndini amaphupho wam uwagqibile
impazamo yokuqala kukubona wena
impazamo yesibini ngeyo kwazi wena
impazamo yesithathu ngeyokuthanda wena
impazamo yesine ngeyokwamkela wena
impazamo enkulu ngeyokuthemba wena
ndonele nguwe
ndilimele nguwe
ayisekho indawo yakho k*m
phumuphele k*m💔😭
Click here to claim your Sponsored Listing.
