25/09/2026
Sithanda ukuthatha eli thuba sibulele ngokusuka emazantsi entliziyo kuye wonke umntu osixhasileyo kwi Heritage Market Day yethu.
Sibulela kubo bonke abaxhasi, abathengi, iintsapho, abahlobo, amalungu oluntu kunye nabo bonke abathe banegalelo ekwenzeni olu suku l**e yimpumelelo.
Inkxaso yenu, ixesha lenu, uthando lwenu kunye nokuzimisela kwenu kusenze sabona ukuba xa sidibene, singakwazi ukwenza izinto ezintle kuluntu lwethu.
Enkosi ngokuma nathi, enkosi ngokusixhasa, enkosi ngokuba yinxalenye yolu suku lukhethekileyo.
Siyazingca ngelifa lethu, inkcubeko yethu kunye nobunye bethu. Masisoloko silugcina, siluhlonipha kwaye siludlulisele kwizizukulwana ezizayo.
Enkosi kakhulu kuni nonke.