31/07/2026
Izolo besiye kumsitho wee Circuit awards ububanjelwe e Albertina Sisulu Primary School eXolobe. Bekuwongwa abantwana ngokwekhathegori ezahlukeneyo.
Unntwana wethu u Kungawo Qhorha ubengumpondo-zihlanjiwe apho wawongwa ngokuba efumene i average engu 84%.
Nanga amagama apheleleyo abantwana bethu abawongiweyo:
Grade 9:
1. Lilitha Magubane
2. Lihlume Madubela
3. Iminathi Mbambisa
4. Isivile Nongauza
5. Amila Mningiswa
Grade 12:
1. Kungawo Qhorha
2. Asenathi Sikundla
3. Sibabalwe James
4. Kamva James
5. Lindokuhle Ngozi
6. Sinentlahla Mketo
7. Masibonge Sotashe
Sithi huntshu ke kwababantwana baphakamisela i flag yase Ndema phezulu. Sibulele kootishala abasebenzanzima ukuze abantwana baphumelele. Sibambe ngazo zozibini kwi SGB nabazali ngentsebenziswano.
Kubantwana abangafumenanga awards, masiphakamiseni iikawusi bantwana bam silweni. Iphupha alifi umnikazi walo esaphila.
Ukuba siqhuba kanje, inene ikhona into ezayo 🤏🏾.
Enkosi.
Mr V. Bukula
Principal.